Reading is Easy: Ukoyisa emdlalweni webhola: Grade 5

Reading is Easy: Ukoyisa emdlalweni webhola: Grade 5

Reading is Easy: Ukoyisa emdlalweni webhola: Grade 5 (Xhosa, Paperback)

R 119.00

Loot · checked 15 days ago

View at Loot
Average
R 82.00
Lowest seen
R 71.00
Highest seen
R 119.00
Last change
R 37.00
First indexed
06 Aug 2020
Retailer
Loot

Description

Libali elingoMandla, uMonde noLunga ababemana bethunywa ngutitshala wabo uHenda okwangumqeqeshi webhola ukuba baye kulanda izixhobo zokudlala. Xa befika kwindawo ezihlala kuyo bafikela kunogada oboyikisileyo ngesithunzela esihlala apho kanti liqhinga lokuba bangamane besiya phaya kuba efihle okuthile. Ngokuthanda izinto, aba bafundi baya ebusuku babhaqa amafudo amabini afihlwe apho xa bephuma gqi ngonogada ehamba nomntu beze kulanda amafudo lawo abiweyo.

Babavalela apho unogada nomhlobo wakhe, babiza amapolisa, babanjwa. Laa makhwenkwana anconywa kakhulu ngesenzo esihle kangaka sobuqhawe nobugorha. Iincwadi zakwaHeinemann zokufunda ezithi Ukufunda Kulula, zoLwimi lwasekhaya ziqulethe iidrama, iziyolisi, amabali angobukroti nobuqhawe, amabali adala unxunguphalo, amabali angolunqa, amabali abuntsomirha kunye nalawo ayinyani alungiselelwe umfundi wesiGaba esiPhakathi.

Olu luhlu lunamabali angama-20 kwibanga ngalinye, elo nelo bali linikwe umgangatho phakathi kowokuqala ukuya kowesine. Uluhlu lokufunda luka-Ukufunda Kulula lwenza abafundi bakuvuyele ukufunda kwaye bakwazi nokuphucula ukufunda kwabo eklasini.

Similar products